iradio ingxamele ukundidika! Kanti abasekho na abasasazi abasasaza kamnandi ngolwimi lwakowethu?
IsiXhosa ''luncuthu mazangwa'' kulowo usimameleyo ingakumbi lowo usaziyo. Ingaba basekhona abasasazi abanikisa umdla kunomathotholo? Nithini bahlali.
U Kci (UWFM) wayeyintandane kubamameli be thotholo. U LZK, uThami D no Putco Mafani ''the 4x4'', ukukhankanya nje abambalwa. Ingaba sisenabo abasasazi abakwelonqanaba na.
Mamela ke naba abam endibacingayo okwangoku, uPhumzile Zonke, Pastor Nozewu,Putco(uwfm); Reggie Solani & Phethu Soga, Linda Nzuzo(tru fm). Ise ngabona basasazi abandibambeleyo kunomathotholo, batshisa into engayekiyo. UAmaza? Mmmmh...usoloko enodlamko kodwa andiqiniseki!
IsiXhosa sithi amehlo awaphakelani.(ngokunjalo nendlebe)
Wena! Ucinga ukuba sinabo abasasazi abane talente empuma koloni? Khawuze nezakho izimvo neyakho i''list'' . Kwaye ukuba ulala ngengubo enye nam kwelokuba banqongophele, ngcebiso zini onazo?
Ndisadl' amafutha!
5 Comments
Only TVSA members can reply to this thread. Click here to login or register.